IINDUMISO 24
24
UYehova uMdali netempile yakhe
Umhobe kaDavide.
1LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo,
Elimiweyo, nabahleli kulo;
2Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle,
Walizinzisa phezu kwemilambo.
3Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova?
Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele?
4Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu,
Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe,
Ongafungiyo ngenkohliso.
5Úya kwamkela intsikelelo kuYehova,
Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.
6Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo,
Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)
7Phakamisani iintloko zenu, masango;
Niziphakamise, minyango yaphakade,
Angene uKumkani wozuko.
8Ngubani na ke lo Kumkani wozuko?
NguYehova onamandla, oligorha;
NguYehova, igorha emfazweni.
9Phakamisani iintloko zenu, masango,
Niziphakamise, minyango yaphakade,
Angene lo Kumkani wozuko.
10Ngubani na ke yena uKumkani wozuko?
NguYehova wemikhosi,
Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)
Currently Selected:
IINDUMISO 24: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.