Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 22:1-11

IINDUMISO 22:1-11 XHO75

Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na? Ùkude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam? Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli; Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko. Ùngcwele ke wena, Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli. Oobawo bákholosa ngawe, Bakholosa, wabasiza; Bakhala kuwe, basinda; Bakholosa ngawe, àbadana. Ke mna ndingumbungu, andimntu; Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini. Bonke abandibonayo bayandigculela; Bayasineka, bahlunguzela intloko; Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize, Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile. Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni, Inkolosisi yam ndisemabeleni kama. Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni; Kwasembilinini kama ubunguThixo wam. Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo, Ngokuba akukho mncedi.