IINDUMISO 19
19
Uzuko lukaThixo njengokuba lubonakala kwindalo nasemthethweni
Kumongameli. Umhobe kaDavide.
1Izulu libalisa uzuko lukaThixo,
Saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
2Imini impompozelela imini intetho,
Ubusuku buxelela ubusuku ukwazi.
3Akukho ntetho, akukho mazwi,
Apho singavakaliyo isandi sawo.
4Intambo yawo yokulinganisa iphume yaya ehlabathini lonke,
Kwaba seziphelweni zelimiweyo ukukhuluma kwawo.
Ilanga úlimisele intente kuwo,
5Lona linjengomyeni ke ephuma egumbini lakhe;
Linemihlali njengegorha, ukugidima ngomendo walo.
6Kusesiphelweni sezulu ukuphuma kwalo,
Ukujikeleza kwalo kusa eziphelweni zalo;
Akukho nto inokusithela ebushushwini balo.
7Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo;
Isingqino sikaYehova sinyanisekile, sinika isiyatha ubulumko.
8Izimiselo zikaYehova zithe tye, zivuyisa intliziyo;
Umthetho kaYehova unyulu, ukhanyisela amehlo.
9Ukoyika uYehova kucocekile, kumi ngonaphakade;
Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa kwaphela.
10Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi;
Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.
11Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho;
Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.
12Ukulahleka, ngubani na okuqondayo?
Ndénze msulwa kokusitheleyo.
13Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho;
Makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo,
Ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.
14Makakholeke amazwi omlomo wam, nezicamango zentliziyo yam,
Phambi kwakho, Yehova, liwa lam, mkhululi wam.
Currently Selected:
IINDUMISO 19: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.