Kowenceba ùzenza owenceba,
Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;
Kozenze nyulu uzenza onyulu,
Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,
Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;
UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
Ngokuba ngawe ndigila amajarha,
NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;
Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,
Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?
Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
UloThixo undibhinqise ubukroti,
Uyigqibelelisileyo indlela yam;
Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,
Undimisayo emimangweni yam;
Uzifundisayo ukulwa izandla zam,
Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.
Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho;
Sandixhasa isandla sakho sokunene;
Ululamo lwakho lwandikhulisa.
Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,
Amaxhwele am akahexa.
Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;
Andabuya zada zaphela.
Ndaziqoba; azaba nakuvuka,
Zawa phantsi kweenyawo zam.
Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,
Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
Wandinika ikhosi leentshaba zam,
Abandithiyayo ndababhangisa.
Bazibika, akwabakho msindisi;
Bazibika kuYehova, akabaphendula.
Ndabacola, banjengothuli phambi komoya,
Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.
Wandisiza ekubambaneni kwabantu,
Wandimisa ndayintloko yeentlanga;
Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.
Besave ngeendlebe, bandithobela,
Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;
Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya,
Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.
UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam,
Aphakanyìswe uThixo ondisindisayo.
UloThixo wandinika impindezelo,
Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;
Úndisiza ezintshabeni zam;
Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum,
Undihlàngule kumfo ogonyamelayo.
Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,
Ndivume kwigama lakho.
Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe;
Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,
KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.