Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 18:25-50

IINDUMISO 18:25-50 XHO75

Kowenceba ùzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo; Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena; UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam. Ngokuba ngawe ndigila amajarha, NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe; Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova? Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu? UloThixo undibhinqise ubukroti, Uyigqibelelisileyo indlela yam; Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam; Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho; Sandixhasa isandla sakho sokunene; Ululamo lwakho lwandikhulisa. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana; Andabuya zada zaphela. Ndaziqoba; azaba nakuvuka, Zawa phantsi kweenyawo zam. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni, Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum; Wandinika ikhosi leentshaba zam, Abandithiyayo ndababhangisa. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya, Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato. Wandisiza ekubambaneni kwabantu, Wandimisa ndayintloko yeentlanga; Abantu ebe ndingabazi bandikhonza. Besave ngeendlebe, bandithobela, Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum; Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya, Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo. UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam, Aphakanyìswe uThixo ondisindisayo. UloThixo wandinika impindezelo, Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam; Úndisiza ezintshabeni zam; Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum, Undihlàngule kumfo ogonyamelayo. Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga, Ndivume kwigama lakho. Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe; Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe, KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.