IINDUMISO 146
146
UThixo uMncedi omkhulu wabantu
1Haleluya!
Mdumise uYehova, mphefumlo wam.
2Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi;
Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.
3Musani ukukholosa ngamanene,
Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe;
Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.
5Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,
Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:
6KuMenzi wezulu nomhlaba,
Nolwandle neento zonke ezikulo;
Kulogcina inyaniso ngonaphakade;
7Kogweba ityala labacudiswayo;
Kopha abalambileyo ukudla;
KuYehova okhulula ababanjwa;
8KuYehova ovula amehlo eemfama;
KuYehova ophakamisa abagobileyo;
KuYehova othanda amalungisa;
9KuYehova ogcina abaphambukeli;
Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi,
Ayiphethule indlela yabangendawo.
10UYehova ungukumkani ngonaphakade,
UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.
Haleluya!
Currently Selected:
IINDUMISO 146: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.