IINDUMISO 127
127
UThixo umphumelelisi
Ingoma yezinyuko. KaSolomon.
1Ukuba akayakhi uYehova indlu,
Bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.
Ukuba umzi akawugcini uYehova,
Ufumana ephaphama owugcinayo.
2Nifumana nivuka kusasa,
Nihlale nisebenza kude kube sebusuku,
Nikudla ukudla kokubulaleka;
Uyipha intánda yakhe, ilele ubuthongo.
3Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana,
Umvuzo sisiqhamo sesizalo.
4Njengeentolo esandleni segorha,
Banjalo oonyana bobutsha.
5Hayi, uyolo lomfo ozalise umphongolo wakhe ngabo!
Abayi kudana,
Xa bathetha neentshaba esangweni.
Currently Selected:
IINDUMISO 127: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.