IINDUMISO 126

126
Ukubuya ekuthinjweni
Ingoma yezinyuko.
1Ekubabuyiseni kukaYehova ababuyáyo baseZiyon,
Saba njengabaphuphayo;
2Waza wazala kukuhleka umlomo wethu,
Lwazala kukumemelela ulwimi lwethu.
Baza bathi phakathi kweentlanga,
UYehova ubenzele izinto ezinkulu aba.
3UYehova usenzele izinto ezinkulu,
Saba ngabavuyayo.
4Buyisa, Yehova, abathinjiweyo bakuthi,
Njengemilambo yamanzi yelasezantsi.
5Abahlwayelayo beneenyembezi
Baya kuvuna benokumemelela.
6Ohamba ahambe elila,
Ephethe intlwayelelo,
Uyabuya eze ememelela,
Ethwele izithungu zakhe.

Currently Selected:

IINDUMISO 126: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena