Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi, Ndigcíne ilizwi lakho. Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho. Ndingumphambukeli ehlabathini, Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho. Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke. Ùbakhalimele abakhukhumali, Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho. Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo, Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho. Nangona abathetheli behlala bathethe ngam, Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho. Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko, Zingamaphakathi am. Umphefumlo wam unamathéle eluthulini; Ndíphilise ngokwelizwi lakho. Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula; Ndífundise imimisela yakho. Ndíqondise iindlela zeziyalezo zakho, Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo. Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndímise ngokwelizwi lakho. Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndíbabale umyalelo wakho. Ndiyinyúle indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolisé kuwo. Ndinamathéle ezingqinisweni zakho; Musa ukundidanisa, Yehova. Ndigidima ngendlela yemithetho yakho, Ngokuba uyenzé banzi intliziyo yam.
Funda IINDUMISO 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 119:17-32
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo