Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam. Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho. Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho. Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndífundise amasiko akho. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingàwulibali umyalelo wakho. Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho. Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam; Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele.
Funda IINDUMISO 119
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 119:105-112
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos