IINDUMISO 114

114
Ukuhlangulwa kukaSirayeli eYiputa nguThixo
1Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,
Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,
2UYuda waba yingcwele yakhe,
USirayeli waba sisikumkani sakhe.
3Ulwandle lwabona, lwasaba,
IYordan yabuya umva.
4Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha;
Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5Ùbunani na, lulwandlendini, ukuba usabe?
Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha?
Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?
7Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi,
Ebusweni boThixo kaYakobi;
8Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi,
Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.

Currently Selected:

IINDUMISO 114: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena