IMIZEKELISO 26

26
Malunga nezinyabi
1Njengekhephu ehlotyeni, njengemvula ngexa lokuvuna,
Lunjalo ukungasifaneli isinyabi uzuko.
2Njengondlunkulu ekuphapha-phaphazeleni kwakhe, njengenkonjane ekubalekeni kwayo,
Kunjalo ukutshabhisa ngaphandle kwesizathu; akuyi kuphumelela ntweni.
3Iziniya yeyehashe, umkhala ngowe-esile,
Intonga yeyomhlana wesinyabi.
4Musa ukusiphendula isinyabi ngokokumatha kwaso,
Hleze usifuze.
5Siphendule isinyabi ngokokumatha kwaso,
Hleze sibe sisilumko kwawaso amehlo.
6Únqumla iinyawo, usela ugonyamelo,
Osithuma imicimbi yakhe isinyabi.
7Nqwa nokulengalenga kwemilenze yesiqhwala,
Umzekeliso emlonyeni wesinyabi.
8Njengokubopha ilitye esisawulweni,
Unjalo osinika uzuko isinyabi.
9Ngameva angene esandleni senxila
Umzekeliso ongene emlonyeni wesinyabi.
10Okuninzi kuzala into yonke;
Ke wona umvuzo wesinyabi, kwanomvuzi waso, bayadlula.
11Njengenja ibuyela emhlanzweni wayo,
Sinjalo isinyabi ukuphinda ukumatha kwaso.
12Ùyayibona indoda ilumkile kwawayo amehlo,
Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
Malunga namavila
13Ivila lithi, Kukho ingonyama endleleni,
Kukho ingonyama ezitratweni.
14Ucango lujinga ezihinjizini• zalo,
Linjalo ivila elukhukweni lwalo.
15Ivila lifaka isandla salo esityeni,
Yindiniso ukusibuyisela kwasemlonyeni walo.
16Ivila lilumkile kwawalo amehlo
Kunabasixhenxe abaphendula ngemvo.
Imizekeliso eliqela
17Úbamba ngendlebe inja igqitha,
Ophuphuma umsindo ngembambano angephambi kwayo.
18Njengedwadwasi elijula izikhuni
Neentolo zokufa,
19Injalo indoda ekhohlisa ummelwane wayo,
Ibe isithi, Andidlali na?
20Zakuphela iinkuni, uyacima umlilo;
Kwakuba kungekho ntlebi, iyadamba ingxabano.
21Nqwa namalahle amnyama kumalahle avuthayo,
Nqwa neenkuni kumlilo, indoda enengxabano ukuphemba imbambano.
22Amazwi entlebi anjengemithamo imnandi;
Yona ihla iye ezingontsini zombilini.
23Ligwebu lesilivere, lalekwé empahleni yodongwe,
Umlomo ovuthayo unentliziyo enobubi.
24Ngemilebe yomlomo wakhe úyanyhwalaza umthiyi;
Embilinini yakhe umisa inkohliso.
25Xa athe walimnandisa ilizwi lakhe, musa ukukholwa nguye;
Kuba ngamasikizi asixhenxe entliziyweni yakhe.
26Intiyo izifihla ngenkohliso;
Ububi bayo bozityhila esikhungwini.
27Omba isihogo weyela kuso;
Oqengqa ilitye, libuyela kuye.
28Ulwimi oluxokayo luyabathiya abatyunyuzwa lulo;
Nomlomo ocengacengayo usebenza ububi.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 26: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena