IMIZEKELISO 25

25
Olunye uthotho lwemizekeliso
1Nale yimizekeliso kaSolomon, awayihlanganisayo amadoda kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda.
2Luzuko lukaThixo ukuyisithelisa into;
Luzuko lokumkani ukuyigocagoca.
3Izulu ngokuphakama, umhlaba ngobunzulu,
Nentliziyo yokumkani asinto inokugocwagocwa.
4Longule igwebu esilivereni,
Kuvele isitya somnyibilikisi;
5Shenxisa abangendawo ebusweni bokumkani,
Yozinza itrone yakhe ngobulungisa.
6Musa ukudokozelisa ilizwi phambi kokumkani,
Ungazimisi endaweni yabakhulu.
7Kuba kulungile ukuba kuthiwe kuwe, Nyukela apha,
Kunokuba uthotywe phambi kwenene,
Alibonileyo amehlo akho.
8Musa ukuphuma ungxamile, ukuya ekubambaneni nomnye,
Hleze kuthiwe, Wòthini na emveni koko?
Xa kaloku akuhlazileyo ummelwane wakho.
9Ubambené nommelwane wakho, bambana naye;
Ke ucweyo lomnye musa ukuluhlakaza,
10Hleze akuhlaze oluvayo,
Lungabi sabuya lusuke udaba lwakho olubi.
11Ziilamuni zegolide kwizitya zesilivere ezimakhazikhazi
Ilizwi elithethwe latyapha.
12Úlijikazi legolide, nezidanga zegolide ezicikizekileyo
Umohlwayi olumkileyo ezindlebeni ezinokuva.
13Sínjengokuphozisa kwekhephu ngemini yokuvuna
Isigidimi esinyanisileyo kwabasithumileyo:
Siyawubuyisa umphefumlo wenkosi yaso.
14Úngamafu anomoya, angenamvula,
Umntu oqhayisa ngesipho esikhohlisayo.
15Umlawuli uyarhwebesheka ngokuzeka kade umsindo;
Ulwimi oluthambileyo lwaphula ithambo.
16Ufumené ubusi, yidla obukulingeneyo,
Hleze udikwe, ubuhlanze.
17Malungayi futhi unyawo lwakho endlwini yommelwane wakho,
Hleze adikwe nguwe, akuthiye.
18Sisando, likrele, lutolo olutsolileyo,
Indoda engqina ubungqina obubuxoki ngommelwane wayo.
19Lizinyo eliqhuzukileyo, lunyawo olukrunekileyo,
Ukukholosa ngenginingini ngemini yembandezelo.
20Olahla ingubo yokwaleka ngemini yengqele, nqwa kwaneviniga egalelwe kwisoda,•
Kwanovuma iingoma kontliziyo imbi.
21Ukuba okuthiyileyo úthe walamba, mphe ukudla adle;
Ukuba úthe wanxanwa, mseze amanzi;
22Kuba ùfumba wena amalahle avuthayo entlokweni yakhe;
UYehova wokuvuza.
23Umoya ovela ngasentla uvelisa isiphango;
Ulwimi oluhlebayo luvelisa ubuso obujalileyo.
24Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu,
Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
25Ngamanzi abandayo emphefumlweni otyhafileyo
Iindaba ezilungileyo, ezivela ezweni elikude.
26Liqula eligxojiweyo, ngumthombo owonakeleyo,
Ilungisa elikhwelelayo phambi kongendawo.
27Ukudla ubusi obuninzi akulungile;
Ke ukugocagoca izinto ezinzima luzuko.
28Ngumzi otyhoboziweyo, ongenaludonga,
Indoda engenakuzibamba umoya wayo.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 25: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena