IMIZEKELISO 19

19
1Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo,
Ngaphezu komlomo ojibilizayo, esisinyabi yena.
2Kananjalo ukuthi umphefumlo ungabi nakwazi akulungile;
Onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.
3Ukumatha komntu kuphenula indlela yakhe;
Ijalele uYehova intliziyo yakhe.
4Ukutyeba kongeza izihlobo ezininzi;
Ke osweleyo, nesihlobo sakhe siyahlukana naye.
5Ingqina elixokayo alibi msulwa;
Ofutha amanga akasindi.
6Baninzi abacenga amanene;
Yonke into isisihlobo kwindoda ephayo.
7Bonke abazalwana behlwempu balithiyile;
Zibeka phi na izihlobo ukuya kude kulo!
Lisukela amazwi angento.
8Orhweba ubulumko uthanda umphefumlo wakhe;
Ogcina ingqondo uya kufumana okulungileyo.
9Ingqina elixokayo alibi msulwa;
Ofutha amanga uyatshabalala.
10Akusifanele isinyabi ukudla ubuncwane;
Kobeka phi na ke ukungamfaneli umkhonzi ukulawula abathetheli!
11Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo;
Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
12Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani;
Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.
13Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi;
Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.
14Indlu nobutyebi lilifa looyise;
Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
15Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu;
Umphefumlo odangeleyo uyalamba.
16Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;
Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
17Uboleka uYehova obabala isisweli;
Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
18Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;
Kodwa ungangxameli kumbulala.
19Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;
Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.
20Live icebo, ulwamkele uqeqesho,
Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
21Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;
Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.
22Umnqweno womntu yinceba yakhe;
Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.
23Ukoyika uYehova kusa ebomini;
Onako uya kuhlala ehluthi.
24Ivila lisifaké isandla salo esityeni,
Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.
25Umbethíle umgxeki, siba nobuqili isiyatha;
Umohlwayíle onengqondo, wóqonda azi.
26Ombhuqayo uyise, omgxothayo unina,
Ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.
27Yeka, nyana wam, ukuthi uve uqeqesho,
Kanti uya kusuka ulahlekane nentetho yokwazi.
28Ingqina elilitshijolo ligxeka isiko;
Umlomo wongendawo uginya ubutshinga.
29Izigwebo zilungiselwe abagxeki;
Imivumbo ilungiselwe umhlana wesinyabi.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 19: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena