IMIZEKELISO 15

15
1Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu;
Ilizwi elidubulayo linyusa umsindo.
2Ulwimi lwezilumko lulungisa ukwazi;
Umlomo wezinyabi umpompoza ukumatha.
3Asezindaweni zonke amehlo kaYehova,
Ebonisela abanobubi nabalungileyo.
4Ukuphola kolwimi ngumthi wobomi;
Ke ukuphenula kwalo kwaphula umoya.
5Isimathane sigiba uqeqesho lukayise;
Osigcinileyo isohlwayo uba nobuqili.
6Indlu yelungisa nguvimba omkhulu;
Ke ngongeniselo longendawo kukho ukuhlisa ishwangusha.
7Umlomo wezilumko uhlwayela ukwazi:
Ke yona intliziyo yezinyabi ayindawo.
8Umbingelelo wabangendawo lisikizi kuYehova;
Umthandazo wabathe tye ngowona akholwa nguwo.
9Ilisikizi kuYehova indlela yongendawo;
Ke ophuthuma ubulungisa uyathandwa nguye.
10Uqeqesho olubi lolowushiyayo umendo;
Othiya isohlwayo uya kufa.
11Elabafileyo nenzonzobila ziphambi koYehova;
Zibeké phi na ke iintliziyo zoonyana babantu!
12Umgxeki akakuthandi ukohlwaywa kwakhe,
Akayi kwizilumko.
13Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso;
Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba.
14Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi;
Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha.
15Yonke imihla yosizana mibi;
Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke.
16Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova,
Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.
17Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando,
Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.
18Indoda enobushushu ixhaya ingxabano;
Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.
19Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo;
Ke umendo wabathe tye ubekelelwe.
20Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;
Umntu osisinyabi udela unina.
21Ukumatha luvuyo koswele intliziyo;
Ke indoda enengqondo ithi tye ukuhamba.
22Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya;
Ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.
23Indoda inovuyo ngempendulo yomlomo wayo;
Ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle!
24Koqiqayo umendo wobomi usinga phezulu,
Ukuze emke kwelabafileyo elingaphantsi.
25UYehova uyayincothula indlu yabanekratshi,
Amise umlimandlela womhlolokazi.
26Zingamasikizi kuYehova iingcinga ezimbi;
Ke ahlambulukile amazwi amnandi.
27Uyihlisela ishwangusha indlu yakhe obawela inzuzo embi;
Ke yena othiya isicengo, uya kuphila.
28Intliziyo yelungisa iya kucamanga ukuphendula;
Ke wona umlomo wabangendawo umpompoza ububi.
29UYehova ukude nabangendawo;
Ke wona umthandazo wamalungisa uyawuva.
30Ukukhanya kwamehlo kuvuyisa intliziyo;
Iindaba ezimnandi zityebisa amathambo.
31Indlebe esivayo isohlwayo sobomi
Ihlala phakathi kwezilumko.
32Ophulukene noqeqesho ucekisa umphefumlo wakhe;
Osivayo isohlwayo urhweba ukuqonda.
33Ukoyika uYehova luqeqesho lobulumko;
Ngaphambi kozuko lululamo.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 15: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena