INUMERI 35
35
Imizi yabaLevi nemizi yokusabela
1Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantsoni zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, esithi, 2Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, ukuba babanike abaLevi elifeni lenzuzo yabo imizi yokuba bahlale kuyo, nibanike abaLevi namadlelo ngasemizini yabo ngeenxa zonke. 3Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo. 4Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite• eziliwaka ngeenxa zonke; 5nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ube sesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo. 6Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amané anambini. 7Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amané anesibhozo, anamadlelo ayo. 8Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sóbanika abaLevi emizini yaso.
9Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 10Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan, 11nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi. 12Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
13Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu. 14Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimizi yokusabela. 15Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
16Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo. 17Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angáfayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo. 18Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angáfayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo. 19Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe. 20Ukuba uthe wamtyhala ngokumthiya, nokuba umgibisele emzonda, wafa; 21nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa: makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye. 22Ukuba uthe wamqubula wamtyhala, engenabutshaba, nokuba umgibisele ngempahla nokuba nangayiphi na into, engamzondi, nokuba lilitye angáfayo ngalo, 23engamboni, amwisele ngalo, engenabutshaba naye, engafuni kumenza nto imbi: 24liya kwahlula ibandla phakathi kobethileyo nomphindezeli wegazi, ngokwezo zigwebo; 25limhlangule ibandla umbulali esandleni somphindezeli wegazi, limbuyisele ibandla emzini wokusabela kwakhe, abebalekele kuwo, ahlale kuwo ade afe umbingeleli omkhulu othanjisiweyo ngeoli engcwele.
26Ukuba umbulali uthe waphuma ngaphandle komda womzi wokusabela kwakhe abebalekele kuwo, 27umphindezeli wegazi wamfumana engaphandle komda womzi wokusabela kwakhe, umphindezeli wegazi wambulala umbulali lowo, akayi kuba natyala lagazi lowo. 28Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
29Ezo zinto zoba ngummiselo wokugweba kuni kwizizukulwana zenu emakhayeni enu onke. 30Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyi kungqina ngomntu afe. 31Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wobulali osukuba engongendawo, engowokufa; makabulawe afe. 32Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yobalekele emzini wokusabela kwakhe, ukuba abuye eze kuhlala emhlabeni wakhe, ade afe umbingeleli. 33Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo. 34Nize ningalenzi nqambi ke ilizwe enihleli kulo, endihleli kulo; kuba mna, Yehova, ndihleli phakathi koonyana bakaSirayeli.
Currently Selected:
INUMERI 35: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.