INUMERI 34
34
Imida yomhlaba wakwaSirayeli
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, uthi kubo, Xa nithe nangena ezweni lakwaKanan (lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni libe lilifa, ilizwe lakwaKanan ngokwemida yalo), 3icala lenu lasezantsi lothabathela entlango yeTsin, ngasemacaleni akwaEdom; nomda wenu wasezantsi wothabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa ngasempumalanga; 4umda wenu ujikele ezantsi, uye ekunyukeni kweAkrabhim, udlule uye eTsin, nokuphuma kwawo usinge ezantsi eKadeshe-bharneha; uphume uye eHatsare-adare, udlule uye eAtsemon; 5umda ujikele eAtsemon, uye emlanjaneni waseYiputa; ukuphuma kwawo usinge elwandle.
6Umda wenu wasentshonalanga woba lulwandle olukhulu, nommandla walo; lowo woba ngumda wenu wasentshonalanga.
7Woba ngulo umda wenu wangasentla: nothabathela elwandle olukhulu, nizisikele intaba yeHore; 8nithabathele entabeni yeHore, nisike niye eHamati; ukuphuma komda, uye eTsedada; 9uphume umda uye eZifron; ukuphuma kwawo ume eHatsare-enan. Ngumda wenu wangasentla ke lowo.
10Nozisikela umda wasempumalanga, nithabathele eHatsare-enan, nise eShefam; 11uhle umda eShefam, uye eRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga; 12umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.
13UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awisé umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe. 14Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso. 15Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili.
16Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 17Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun. 18Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa. 19Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune; 20esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude; 21esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon; 22esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli; 23koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi; 24esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan; 25esizweni soonyana bakaZebhulon, sisikhulu esinguElitsafan, unyana kaParnaki; 26esizweni soonyana bakaIsakare, sisikhulu esinguPalatiyeli, unyana ka-Azan; 27esizweni soonyana baka-Ashere, sisikhulu esinguAhihudi, unyana kaShelomi; 28esizweni soonyana bakaNafetali, sisikhulu esinguPedayeli, unyana ka-Amihude. 29Ngabo abo, awabawiselayo umthetho uYehova wokuba bababele ilifa oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan.
Currently Selected:
INUMERI 34: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.