INUMERI 24
24
Ukuprofeta kokugqibela kukaBhileham nokugxothwa kwakhe nguBhalaki
1Wabona uBhileham, ukuba kuhle emehlweni kaYehova ukumsikelela uSirayeli, akaya kuhlangabeza zihlabo ngokwezinye izihlandlo, wabubhekisa ubuso bakhe entlango. 2Waphakamisa amehlo akhe uBhileham, wawabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo, uMoya kaThixo wamfikela.
3Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Utsho uBhileham unyana kaBhehore,
Itsho indoda ecinywe amehlo;
4Utsho ova ukuthetha kukaThixo,
Owubonayo umbono woSomandla,
Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo.
5Azizintle ngako iintente zakho, Yakobi!
Neminquba yakho, Sirayeli!
6Zitwabulukile njengezihlambo,
Njengamasimi aphezu komlambo,
Njengemihlàba etyelwe nguYehova,
Njengemisedare• ephezu kwamanzi.
7Aya kumpompoza amanzi emiphandeni yakhe,
Imbewu yakhe ingasemanzini amaninzi.
Ukumkani wakhe makabe ngaphezulu koAgagi,
Buziphakamise ubukumkani bakhe.
8UThixo umkhupha eYiputa.
Amendu akhe anjengawenqu.
Uya kuzidla iintlanga, ababandezeli bakhe,
Awakhukhuze amathambo abo,
Abaphaluse ngeentolo zakhe.
9Waguqa, wabuthuma njengengonyama,
Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa?
Mabasikelelwe abakusikelelayo,
Baqalekiswe abakuqalekisayo.
10Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu. 11Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
12Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum nidisithi, 13Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam; oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona. 14Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.
15Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Utsho uBhileham unyana kaBhehore,
Itsho indoda ecinywe amehlo.
16Utsho ova ukuthetha kukaThixo,
Wakwazi ukwazi kOsenyangweni;
Obona umbono woSomandla,
Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo:
17Ndiyayibona, kungekhona ngoku,
Ndiyikhangele, ingekufuphi.
Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi;
Intonga ivela kwaSirayeli,
Iwaphàluse amaMowabhi emacaleni omabini,
Ibagòmbe bonke abengxolo;
18UEdom abe lilifa,
Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe;
USirayeli yena avelise amandla.
19Makehle ophuma kwaYakobi,
Atshabalalise abaseleyo emizini.
20Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Ingqalo yeentlanga nguAmaleki;
Isiphelo sakhe sikukutshabalala.
21Wawabona amaKeni, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Liqinile ikhaya lakho;
Indlu yakho imiswe eweni.
22Kuba uKayin angátshayelwa yini na,
Ade uAsiriya akuthimbe?
23Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,
Yeha! Azi ngubani na oya kubudla ubomi, akukumisa oko uThixo?
24Iinqanawa zivela elunxwemeni lwamaKiti.
Ziyamcinezela uAsiriya, ziyamcinezela uEbhere,
Naye woda atshabalale.
25Wesuka ke uBhileham wahamba, wabuyela endaweni yakhe; naye uBhalaki wahamba ngendlela yakhe.
Currently Selected:
INUMERI 24: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.