INUMERI 22

22
UBhalaki noBhileham
1Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa ezinkqantsoni zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko.
2Wakubona uBhalaki, unyana kaTsipore, konke abekwenzile uSirayeli kuma-Amori. 3UMowabhi wanxunguphala kakhulu ngabantu, ngokuba bebaninzi; wakruquka uMowabhi ngoonyana bakaSirayeli. 4Wathi uMowabhi kumadoda amakhulu akwaMidiyan, Ngoku esi sikhungu siya kukukhotha konke okungeenxa zonke kuthi, njengoko inkomo ilukhothayo uhlaza lwasendle. Ke uBhalaki, unyana kaTsipore, ubengukumkani wamaMowabhi ngelo xesha.
5Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam. 6Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe. 7Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki. 8Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.
9Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha? 10Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi, 11Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwa nabo, ndibagxothe. 12Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe.
13Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani. 14Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi.
15Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo. 16Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum; 17kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu. 18Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu. 19Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, ndide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum.
20Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa. 21Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi.
22Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini. 23Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni. 24Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha. 25Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha. 26Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo. 27Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.
28Wawuvula ke uYehova umlomo weesile, lathi kuBhileham, Ndikwenzé ntoni na, ukuba undibethe la maxesha mathathu? 29Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethé ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku! 30Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? 31Wathi, Hayi. Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso. Wathoba, waqubuda ngobuso bakhe.
32Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphumé mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela. 33Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona. 34Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya. 35Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.
36Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda. 37Wathi uBhalaki kuBhileham, Andikuthumelanga na ndiqinisile ukuba ndikubize? Yini na ukuba ungezi kum? Ndihleli nje, andinako na ukukuzikisa? 38Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.
39Wahamba uBhileham noBhalaki, bafika eKiriyati-hutsoti. 40Wabingelela uBhalaki iinkomo nempahla emfutshane, wathumela kuBhileham nakubathetheli ababenaye. 41Kwathi ngomso, uBhalaki wamthabatha uBhileham, wamnyusa wamsa ezigangeni zikaBhahali.• Wabona khona wada wesa ekupheleni kwabantu.

Currently Selected:

INUMERI 22: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena