INUMERI 19
19
Ukuhlanjululwa kwabachukumise izidumbu
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 2Nguwo lo ummiselo womyalelo awumisileyo uYehova, esithi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bakuzisele ithokazi elibomvu eligqibeleleyo, elingenasiphako, ekungabekwanga dyokhwe kulo; 3nilinike uElazare umbingeleli, alise ngaphandle kweminquba, lixhelelwe phambi kwakhe. 4Wócaphula ke uElazare umbingeleli egazini lalo ngomnwe wakhe, alifefe ngaphambili ententeni yokuhlangana izihlandlo ezisixhenxe; 5litshiswe ithokazi phambi kwakhe, sitshiswe isikhumba salo, nenyama yalo, negazi lalo, ndawonye nomswane walo. 6Umbingeleli wothabatha ke umsedare,• nehisope,• nosinga olubomvu, aziphose ezo nto phakathi kokutsha kwethokazi; 7ahlambe iingubo zakhe umbingeleli, ahlambe umzimba wakhe ngamanzi, angene emveni koko eminqubeni, abe yinqambi umbingeleli kude kuhlwe. 8Lowo ulitshisileyo makazihlambe iingubo zakhe ngamanzi, ahlambe umzimba ngamanzi, abe yinqambi kude kuhlwe. 9Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli. 10Oluwolayo uthuthu lwethokazi wazihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi kude kuhlwe; kube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli, nakowolunye uhlanga oluphambukele phakathi kwabo.
11Ochukumisa ofileyo kuzo izidumbu zabantu, woba yinqambi iintsuku ezisixhenxe. 12Wóthi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe azihlambulule isono, ahlambululeke ke. Ukuba ke akathanga azihlambulule isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe akayi kuba uhlambulukile. 13Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangàzihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova. Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.
14Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe. 15Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.
16Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
17Bomcaphulela oyinqambi eluthuthwini lokutsha kwedini lesono, kubekwe phezu kwalo amanzi aphilileyo ngesitya; 18indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni. 19Wofefa ohlambulukileyo koyinqambi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, amhlambulule ke isono ngomhla wesixhenxe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba ngamanzi; wohlambuluka ke ngokuhlwa. 20Ke umntu osukuba eyinqambi, angàzihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenzé inqambi ingcwele kaYehova, àkatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi. 21Woba ngummiselo ongunaphakade kubo: okokuba ofefa ngamanzi okuhlamba ukungcola, makazihlambe iingubo zakhe; nalowo uchukumisa amanzi okuhlamba ukungcola woba yinqambi kude kuhlwe. 22Yonke into asukuba eyichukumisa oyinqambi yoba yinqambi; nomphefumlo omchukumisayo woba yinqambi kude kuhlwe.
Currently Selected:
INUMERI 19: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.