INUMERI 11
11
Izikrokro zabantu eTabhera
1Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba. 2Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo. 3Wathi igama laloo ndawo yiTabhera:• ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.
4Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle. 5Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelizé, kwaneekomkomere,• neevatala, neelike,• namatswele, nekinofile.• 6Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana• yodwa emehlweni ethu.
7Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire;• ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.• 8Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli. 9Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.
10Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.
Ukugosiswa kweenkulu ezingamashumi asixhenxe zokuncedisa uMoses
11Wathi uMoses kuYehova, Yini na ukuba umphathe kakubi umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingàbabalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam? 12Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibàse emhlabeni owawufungela ooyise? 13Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle. 14Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum. 15Ukuba ùndenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabále; mandingabuboni ububi bam.
16Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kum amadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe. 17Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.
18Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle. 19Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini; 20nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?
21Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke ùthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela. 22Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona na zonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?
23Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.
24Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni. 25Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.
26Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwáyo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni. 27Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya. 28Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele. 29Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo! 30Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.
Abantu batya izagwityi eKibroti-hatahava
31Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite• zombini, ukuphakama phezu komhlaba. 32Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere• ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni. 33Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.
34Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava;• ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukáyo. 35Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.
Currently Selected:
INUMERI 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.