UNEHEMIYA 8

8
Ukufundwa komyalelo nguEzra
1Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli. 2UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe. 3Walesa kuwo phambi kwendawo yembutho ephambi kwesango lamanzi, eqale ekuseni kwada kwaba semini enkulu, phambi kwamadoda nabafazi, nabasebenokuqonda; iindlebe zabantu bonke zaphulaphula loo ncwadi yomyalelo. 4Wema ke uEzra umbhali esikhwelweni somthi, ababesenzele loo nto. Kwema ngakuye uMatitiya, noShema, noAnaya, noUriya, noHilekiya, noMahaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekholo yanguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHashebhadana, noZekariya, noMeshulam.
5UEzra wayivula incwadi emehlweni abantu bonke (ngokuba wayebaphakamele abantu bonke); akuyivula, bema abantu bonke.
6UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni. 7OoYeshuwa, noBhani noSherebhiya, noYamin, noAkubhi, noShabhetayi, noHodiya, noMahaseya, noKelita, noAzariya, noYozabhadi, noHanan, noPelaya, nabaLevi, babaqondisa abantu umyalelo, abantu bemi ezindaweni zabo. 8Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakúqonda ke ukulesa oku.
9Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila. Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo. 10Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu. 11NabaLevi babebathuthuzela abantu bonke, besithi, Yithini tu; ngokuba le mini ingcwele; musani ukuba buhlungu. 12Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu; ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.
Isidlo seminquba
13Ngomhla wesibini kwahlanganisana iintloko zezindlu zooyise zabantu bonke, nezababingeleli, nezabaLevi, zeza kuEzra umbhali ukuwaqiqa amazwi omyalelo. 14Bafumana kubhaliwe emyalelweni, awawumiselayo uYehova ngoMoses, ukuthi, oonyana bakaSirayeli mabahlale eminqubeni ngomthendeleko wenyanga yesixhenxe; 15nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile,• namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.
16Baphuma abantu, bawàzisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim. 17Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.
18Kwaleswa encwadini yomyalelo kaThixo imihla ngemihla, kwathabathela kumhla wokuqala kwezisa kumhla wokugqibela. Benza umthendeleko imihla yasixhenxe; ngomhla wesibhozo yaba yingqungquthela ngokwesiko.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 8: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena