UMARKO 5
5
Ukuphiliswa kowaseGadara obephethwe ziidemon
(UMat. 8:28-34)
1Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara. 2Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, 3ephuma emangcwabeni, obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane; 4ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa. 5Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.
6Uthe ke akumbona uYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye, 7wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi. 8Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo. 9Wayembuza esithi, Ùngubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi. 10Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe. 11Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. 12Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. 13Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.
14Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na. 15Bafíke kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. 16Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu. 17Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.
18Akubon' ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye. 19Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe. 20Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.
Intombi kaYayiro. Intokazi eyayinethombo legazi
(UMat. 9:18-26)
21Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho. 22Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe, 23ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila. 24Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.
25Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini, 26eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu: 27yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; 28kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. 29Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.
30UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam? 31Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo? 32Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. 33Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke. 34Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.
35Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? 36Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena. 37Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. 38Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.
39Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele. 40Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana. 41Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka! 42Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu. 43Wabayala kakhulu ukuba kungàziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle.
Currently Selected:
UMARKO 5: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.