UMATEYU 20:1-16

UMATEYU 20:1-16 XHO75

Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe. Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo• ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe. Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi. Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya. Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo. Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi? Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile. Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala. Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo. Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo. Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu, besithi, Aba bokugqibela basebenzé ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini. Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na? Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako. Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndílungile mna? Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.