ULUKA 8:22-56

ULUKA 8:22-56 XHO75

Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike; banduluka ke. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini. Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola. Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto? Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili. Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni. Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango. UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika. Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon. Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya. Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi, Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona. Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile. Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo. Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile. Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani, yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo. Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, ùthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo? Uthe ke uYesu, Úkho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum. Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko. Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo. Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi. Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa. Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle. Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.