Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.
UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. Kuba kubhaliwe kwathiwa,
Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;
kwathiwa,
Ziya kukufukula ngezandla,
Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.
(INdum. 91:1112)
Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
(IDut. 6:16)
Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.
Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke. Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,
UMoya weNkosi uphezu kwam,
Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.
Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa,
Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,
Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.
(UIsaya 61:1-2)
Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?
Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.
Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto. Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.