ULUKA 21:20-38

ULUKA 21:20-38 XHO75

Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu; bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga. Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza; abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa. Baya kwandula ke ukumbona uNyana woMntu, esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu. Ke kaloku, zakubon' ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu. Wathetha umzekeliso kubo, wathi, Wukhangeleni umkhiwane nemithi yonke; xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo. Inene ndithi kuni, Asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula. Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo. Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke. Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu. Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; athi ngobusuku aphume, aye kulala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma. Bonke ke abantu babesiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba beve ukuthetha kwakhe.