ILEVITIKUS 7

7
1Nguwo lo umyalelo wedini letyala: liyingcwele kangcwele lona. 2Apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini letyala, negazi lalo litshizwe lijikelezise esibingelelweni. 3Wosondeza onke amanqatha alo akulo, umsila, nomhlehlo ogubungela izibilini, nezintso zombini, 4nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni; 5aqhumisele ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni kuYehova, lidini letyala ke elo. 6Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla; lodliwa endaweni engcwele; liyingcwele kangcwele lona.
7Njengoko linjalo idini lesono, linjalo idini letyala: mnye umyalelo kuwo omabini; umbingeleli ocamagusha ngalo, loba lelakhe. 8Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu, isikhumba sedini elinyukayo alisondezayo soba sesombingeleli. 9Nomnikelo wonke wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo. 10Ke umnikelo wonke wokudla ogalelwe ioli, nowomileyo, woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye abe njengomnye.
11Nguwo lo umyalelo wombingelelo woxolo, aya kuwusondeza kuYehova. 12Ukuba úthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli. 13Kunye nemiqhathane yesonka esingenagwele, wosondeza umsondezo wakhe phezu kombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo; 14asondeze ube mnye othatyathwe emsondezweni wonke, ube ngumrhumo kuYehova, ube ngowombingeleli olitshizayo igazi lombingelelo woxolo. 15Nenyama yombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo yodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe, kungashiywa nento kuyo kude kuse.
16Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso. 17Ke okuseleyo enyameni yombingelelo kwada kwangumhla wesithathu makutshiswe ngomlilo. 18Ukuba kuthe kwadliwa, nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe woxolo, ngomhla wesithathu, awusayi kumkholekisa owusondezayo, awusayi kubalelwa kuye; woba yimbozisa. Ubani odlayo kuwo wobuthwala ubugwenxa bakhe.
19Nenyama efike entweni yonke eyinqambi mayingadliwa; yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, bonke abahlambulukileyo boyidla inyama; 20ubani osukuba esidla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, enobunqambi bakhe, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo. 21Xa athe ubani wachukumisa into eyinqambi, nokuba bubunqambi bomntu, nokuba bubunqambi bezinto ezizitho ziné eziziinqambi, nokuba yinto yonke enezothe eyinqambi, waza wadla inyama yombingelelo woxolo ongokaYehova, wonqanyulwa loo mntu, angabikho ebantwini bakowabo.
22Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 23Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ize ningadli nqatha lankomo, namvu, nabhokhwe. 24Inqatha lento ezifeleyo, nenqatha lento eqwengiweyo, ningásebenza ngalo emisebenzini yonke; ke ukulidla ningalidli. 25Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho ziné, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
26Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho ziné. 27Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
28Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 29Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wówuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo. 30Izandla zakhe zókuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. 31Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe; 32umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo. 33Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe. 34Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwuniké uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.
35Ezo nto ngumxhesho ka-Aron, nomxhesho woonyana bakhe, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, ngomhla awabasondezáyo ukuba babe ngababingeleli kuYehova; 36awawisa umthetho uYehova, ngomhla wokubathambisa kwakhe, ukuba bawunikwe ngoonyana bakaSirayeli; ube ngummiselo ongunaphakade lowo ezizukulwaneni zabo.
37Nguwo lowo umyalelo wedini elinyukayo, nowomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, nowokumisela, 38nowombingelelo woxolo, awamwisela umthetho ngawo uYehova uMoses, entabeni yaseSinayi, ngomhla wokubawisela kwakhe umthetho oonyana bakaSirayeli, ukuba basondeze imisondezo yabo kuYehova, entlango yaseSinayi.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 7: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena