ILEVITIKUS 6
6
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Xa ubani athe wona ngokumeneza, emeneza kuYehova, wayikhanyela kummelwane wakhe into ebibekwe kuye, nokuba yinto esisibambiso, nokuba yinto exhakamfulweyo, nokuba umcudisile ummelwane wakhe, 3nokuba ufumene into ebidukile wayikhanyela, wafunga ubuxoki ezintweni zonke azenzileyo, esona ngazo: 4wóthi, xa athe wona, wazeka ityala, ayibuyise loo nto ixhakamfulweyo, abeyixhakamfule, nento ecudisiweyo, abeyicudisile, nento ebekiweyo, ebibekiwe kuye, nento ebidukile wayifumana, 5nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala. 6Wólizisa idini letyala lakhe kuYehova, kumbingeleli, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala. 7Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo.
Izalathiso kubabingeleli malunga namadini
8Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 9Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: lona idini elinyukayo lotsha eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha kulo. 10Umbingeleli makambathe ingubo yakhe yelinen emhlophe, ambathe nebhulukhwe yelinen emhlophe enyameni yakhe, asuse uthuthu lomlilo odle idini elinyukayo phezu kwesibingelelo, alubeke ecaleni lesibingelelo; 11ahlube iingubo zakhe ezo, ambathe ngubo zimbi, aphume nothuthu, aye nalo ngaphandle kweminquba, endaweni emhlophe. 12Ke umlilo ophezu kwesibingelelo mawuhlale usitsha kuso, ungacimi; umbingeleli abáse iinkuni phezu kwawo imiso ngemiso, acwangcise phezu kwawo idini elinyukayo, aqhumisele phezu kwalo ngamanqatha ombingelelo woxolo. 13Umlilo wohlala usitsha esibingelelweni, ungacimi.
14Nguwo lo umyalelo womnikelo wokudla: oonyana baka-Aron mabawusondeze phambi koYehova, phambi kwesibingelelo; 15asube kuwo, azalise isandla emgubeni ocoliweyo womnikelo wokudla, naseolini yawo, nasentlakeni emhlophe yonke ephezu komnikelo wokudla, aqhumisele ngezo nto esibingelelweni. Livumba elithozamisayo, sisikhumbuzo sawo kuYehova eso. 16Okuseleyo kuwo kodliwa nguAron noonyana bakhe, kudliwe kungenagwele endaweni engcwele, bakudle entendelezweni yentente yokuhlangana. 17Makungosiwa okunegwele; sisabelo sabo endibanike sona ekudleni kwasemlilweni; yingcwele kangcwele, njengedini lesono, nanjengedini letyala. 18Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu wasekudleni kwasemlilweni kukaYehova: bonke abasukuba bezichukumisa ezo nto boba ngcwele.
19Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 20Nguwo lo umsondezo ka-Aron noonyana bakhe, abowusondeza kuYehova ngomhla wokuthanjiswa kwakhe: isahlulo seshumi se-efa• yomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla wamaxesha onke, ube sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha ngokuhlwa; 21wenziwe ngeoli epanini, uwuzise ukroqiwe, uwusondeze ungamaqhekeza ngokomnikelo wokudla wamaqhekeza, ube livumba elithozamisayo kuYehova. 22Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela; 23wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungàdliwa.
24Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 25Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona. 26Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana. 27Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele. 28Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi. 29Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona. 30Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingàdliwa, malitshiswe ngomlilo.
Currently Selected:
ILEVITIKUS 6: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.