ILEVITIKUS 26
26
Iziyalo zokugqibela
1Ize ningazenzeli izinto ezingení, nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu. 2Ize nizigcine iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.
3Ukuba nithe nahamba emimiselweni yam, nayigcina imithetho yam, nayenza, 4ndoninika iziphango zenu ngexesha lazo; ilizwe lininike indyebo yalo, nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo; 5nento eniyibhulileyo ifikele ekuvunweni kweediliya, ukuvunwa kweediliya kufikelele ekuhlwayeleni, nidle isonka senu, nihluthe, nihlale ezweni lenu nikholosile.
6Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu; 7nizisukele iintshaba zenu, zeyele ekreleni phambi kwenu. 8Níbahlanu, nosukela ikhulu; nílikhulu, nosukela amawaka alishumi, zeyele ekreleni iintshaba zenu phambi kwenu. 9Ndonibeka, ndiniqhamise, ndinandise, ndiwumise umnqophiso wam nani, nídle amahasa, 10nikhuphe amahasa endawni yokudla okutsha; 11ndiwumise umnquba wam phakathi kwenu, ningadimalelwa ngumphefumlo wam. 12Ndohamba phakathi kwenu, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. 13NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; ndazaphula iidyokhwe zenu, ndanihambisa nathi nkqo.
14Ukuba nithe anandiphulaphula, anayenza le mithetho yonke; 15ukuba nithe nayicekisa imimiselo yam; ukuba uthe umphefumlo wenu wadimala ngamasiko am, ukuze ningayenzi imithetho yam yonke, nesuka nawaphula umnqophiso wam: 16nam ndiya kwenza oku kuni: ndiya kunivelela ngento ekhwankqisayo, ngesifo sephepha, nangecesina ephelisa amehlo, eyethisa umphefumlo; nifumane nihlwayele imbewu yenu, idliwe ziintshaba zenu. 17Ndonichasa nina, ukuze nibethwe phambi kweentshaba zenu, baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.
18Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, ndokongeza ukunithethisa kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 19Ndolaphula iqhayiya lamandla enu; izulu lenu ndilenze libe njengesinyithi, ilizwe lenu libe njengobhedu; 20agqitywe ngelizé amandla enu, ilizwe lenu lingayivelisi indyebo yalo, nemithi yelizwe ingazivelisi iziqhamo zayo. 21Ukuba nithe nahamba ngokundichasa, anavuma ukundiphulaphula, ndosongeza kuni isibetho kasixhenxe ngokwezono zenu; 22ndinithumele amarhamncwa, awonihlutha abantwana benu, aqwenge neenkomo zenu, anenze nibe mbalwa, neendlela zenu zingàhanjwa.
23Ukuba nithe anavuma ukuthethiswa ndim noko kungako, nahamba ngokundichasa, 24nam ndohamba ngokunichasa, nam ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 25Ndonizisela ikrele eliyiphindezelayo impindezelo yomnqophiso. Nokuba nihlanganiséne emizini yenu, ndothuma indyikitya yokufa phakathi kwenu, ninikelwe esandleni sotshaba. 26Ekuwaphuleni kwam umsimelelo osisonka senu, abafazi abalishumi bososela zikweni-nye isonka senu, basibuyise isonka senu besilinganisile, nidle ningahluthi.
27Ukuba nithe anandiphulaphula noko kungako, 28nahamba ngokundichasa, ndohamba ngokunichasa ngokushushu, ndinithethise nam kasixhenxe ngenxa yezono zenu; 29nidle inyama yoonyana benu, nidle nenyama yeentombi zenu. 30Ndozitshabalalisa izigánga zenu, ndizigawule iintsika zenu zelanga, ndiziphose izidumbu zenu phezu kwezidumbu zezigodo ezizizithixo zenu; umphefumlo wam udimale níni. 31Imizi yenu ndoyenza amanxuwa, ndizenze kube senkangala iingcwele zenu, ndingalivi ivumba lenu lokuthozamisa; 32ilizwe ndilènze mna kube senkangala, iintshaba zenu ezimiyo kulo zimangaliswe lilo. 33Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndirhole ikrele lam emva kwenu, ilizwe lenu kube senkangala, imizi yenu ibe ngamanxuwa. 34Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nísezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo. 35Yonke imihla ekusenkangala ngayo lophumla; oko lingakuphumlanga ngeesabatha zenu ekulihlaleni kwenu.
36Abaseleyo kuni, ndongenisa inyungu ezintliziyweni zabo emazweni eentshaba zabo; bagxothwe kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, basabe ngathi basaba ikrele, bawe kungekho ubasukelayo; 37bakhubeke omnye komnye njengaphambi kwekrele, kungekho ubasukelayo. Anisayi kuba nakumisa phambi kweentshaba zenu. 38Nobhubha phakathi kweentlanga, ilizwe leentshaba zenu linidle. 39Abaseleyo kuni bongcungcutheka ebugwenxeni babo emazweni eentshaba zenu, nasebugwenxeni booyise, bangcungcutheke benabo.
40Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise — ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa, 41endathi nam ndahamba ngokubachasa, ndabása ezweni leentshaba zabo — kanye ukuba zithe zathobeka iintliziyo zabo ezingalukanga; ukuba bathe bandula ukwaneliswa bubugwenxa babo: 42ndowukhumbula umnqophiso wam noYakobi, kwanomnqophiso wam noIsake, kwanomnqophiso wam noAbraham; nelizwe ndilikhumbule. 43Nelizwe liya kushiywa ngabo laneliswe ziisabatha zalo, xa kuthe kwasenkangala, ababakho kulo; baneliswe bona bubugwenxa babo ngenxa enokuba bawacekisayo amasiko am, nomphefumlo wabo wadimala yimimiselo yam. 44Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, àndibacekisele; àndidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo. 45Ndonikhumbulela umnqophiso wam namanyange endiwakhuphe ezweni laseYiputa phambi kweentlanga, ukuba ndibe nguThixo kubo; ndinguYehova.
46Yiyo leyo imimiselo, namasiko, nemiyalelo, awayenzayo uYehova phakathi kwakhe noonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi, ngesandla sikaMoses.
Currently Selected:
ILEVITIKUS 26: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.