ILEVITIKUS 23

23
Amaxesha nemithendeleko engcwele
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Amaxesha amisiweyo kaYehova, eniya kuwavakalisa ukuba abe ziintlanganiso ezingcwele, ngawo la amaxesha am amisiweyo. 3Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe uyisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele. Ze ningenzi namnye umsebenzi ngawo: yisabatha kaYehova emakhayeni enu onke.
4Ngawo la amaxesha amisiweyo kaYehova, iintlanganiso ezingcwele, eniya kuzivakalisa ngamaxesha azo amisiweyo ngenyanga yokuqala, 5ngolweshumi elinesiné enyangeni leyo, lakutshona ilanga, yipasika• kaYehova. 6Ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo ngumthendeleko wezonka ezingenagwele kaYehova; iintsuku ezisixhenxe nodla izonka ezingenagwele. 7Ngosuku lokuqala nòba nentlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. 8Nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova iintsuku ezisixhenxe; ngosuku lwesixhenxe yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
9Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 10Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo: Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, navuna isivuno salo, nozisa kumbingeleli isinde lokuqala lesivuno senu, 11alitshangatshangise isinde phambi koYehova; ukuze linikholekise, alitshangatshangise umbingeleli ngengomso emva kwesabatha; 12ize ninikele, ngomhla wokulitshangatshangisa kwenu isinde, imvana egqibeleleyo emnyaka mnye, ibe lidini elinyukayo kuYehova; 13nomnikelo walo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa• zomgubo ocoliweyo, ogalelwe ioli. Kukudla kwasemlilweni kuYehova, livumba elithozamisayo; nomnikelo walo othululwayo wewayini woba sisahlulo sesiné sehin.• 14Ize ningadli sonka, nakhweba, nangqolowa intsha, ide ibe yinkqu yayo loo mini, nizisa ngayo umsondezo kaThixo wenu: ngummiselo ongunaphakde ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.
15Ize nizibalele iisabatha ezisixhenxe ezigqibeleleyo, nithabathela kwingomso emva kwesabatha, ngomhla wokuzisa kwenu isinde lokutshangatshangisa, 16kude kube lingomso emva kwesabatha yesixhenxe; nobala imihla emashumi mahlanu, nisondeze umnikelo wokudla omtsha kuYehova. 17Emakhayeni enu ize nirhole nizise izonka zokutshangatshangisa zibe zibini, zezahlulo ezibini zesishumi zomgubo ocoliweyo, zosiwe zinegwele, zibe ziintlahela kuYehova. 18Ndawonye nezonka ezo ize nisondeze iimvana ezigqibeleleyo ezisixhenxe, ezimnyaka mnye, nenkunzi entsha, ithole lenkomo, ibe nye, neenkunzi zezimvu zibe mbini, zibe lidini elinyukayo kuYehova, neminikelo yazo yokudla, neminikelo yazo ethululwayo; kukudla kwasemlilweni, kwevumba elithozamisayo kuYehova. 19Ize ninikele inkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, neemvana ezimbini ezimnyaka mnye zibe ngumbingelelo woxolo. 20Wozitshangatshangisa umbingeleli ezo zinto, ndawonye nezonka eziziintlahlela, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ndawonye neemvana ezimbini; zibe ngcwele kuYehova ngenxa yombingeleli. 21Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
22Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungaligqibi icala lentsimi yakho ekuvuneni kwakho, ungalubhikici ubhikico lwesivuno sakho; woshiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova uThixo.
23Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 24Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, noba nesabatha, isikhumbuzo sokumema ngesigodlo intlanganiso engcwele. 25Ize ningenzi namnye umsebenzi wakukhonza; nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova.
26Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 27Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova. 28Ize ningenzi namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, kuba ngumhla wokucamagusha, wokunicamagushela phambi koYehova uThixo wenu. 29Kuba wonke umphefumlo, osukuba ungazithobi ngenkqu yayo loo mini, wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo. 30Wonke umphefumlo, osukuba usenza namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, ndowutshabalalisa loo mphefumlo, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo. 31Ize ningenzi namnye umsebenzi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke. 32Yisabatha kasabatha kuni; nóyithoba imiphefumlo yenu. Ngolwesithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, kuthabathele ekuhlweni kuse ekuhlweni, nophumla ngesabatha yenu.
33Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 34Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ngosuku lweshumi elinesihlanu kule nyanga yesixhenxe, ngumthendeleko weminquba iintsuku ezisixhenxe kuYehova. 35Ngosuku lokuqala yintlanganiso engcwele; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. 36Iintsuku ezisixhenxe nosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova; ngosoku lwesibhozo yoba yintlanganiso engcwele kuni, nisondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova. Yingqungquthela; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
37Ngawo lawo amaxesha amisiweyo kaYehova, enowavakalisa abe ziintlanganiso ezingcwele, okusondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova: idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, umbingelelo neminikelo ethululwayo, into yemini ngangemini yayo; 38ngaphandle kweesabatha zikaYehova, nangaphandle kweminikelo yenu, nangaphandle kwezibhambathiso zenu zonke, nangaphandle kweminikelo yenu yonke yokuqhutywa yintliziyo, enimnikayo uYehova.
39Kodwa ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni yesixhenxe, ekuhlanganiseni kwenu ungeniselo lwelizwe, ize nenze umthendeleko kaYehova iintsuku ezisixhenxe; ngomhla wokuqala yisabatha, nangomhla wesibhozo yisabatha. 40Ize nizithabathele ngomhla wokuqala amahlamvu emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni; nigcobe phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe. 41Lo mthendeleko nowenzela uYehova iintsuku ezisixhenxe ngomnyaka. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu: niwenze umthendeleko ngenyanga yesixhenxe. 42Nohlala eminqubeni iintsuku ezisixhenxe; bonke abazalelwe kwaSirayeli bohlala eminqubeni; 43ukuze zazi izizukulwana zenu, ukuba ndabahlalisa oonyana bakaSirayeli eminqubeni, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
44UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli amaxesha lawo amisiweyo kaYehova.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 23: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena