ILEVITIKUS 11
11
Iinyama ezidliwayo neziyinqambi
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi kubo, 2Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho ziné ezisehlabathini: 3zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho ziné, nozidla ezo. 4Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni; 5nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni; 6nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni; 7nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni. 8Inyama yezo nto ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi; ziziinqambi kuni.
9Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla ezi: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo emanzini, ezilwandleni nasemilanjeni, nozidla zona. 10Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ezilwandleni nasemilanjeni, enyakanyakeni yonke esemanzini, nasezintweni eziphilileyo ezisemanzini, 11zoba nezothe kuni, zibe nezothe kuni. Nize ningayidli inyama yazo; nezidumbu zazo zibe nezothe kuni. 12Zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo emanzini zoba nezothe kuni.
13Zezi ezintakeni ezoba nezothe kuni; zezingadliwa, zinezothe zona: ixhalanga, 14nosilwangangubo, nonomakhwezana; 15noontloyiya ngohlobo lwabo; nehlungulu lonke ngohlobo lwalo; 16nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambanane ngohlobo lwayo; 17nesikhova, nogwidi, nefubesi, 18nenkuku yamanzi, nengcwangube, nenkqo; 19nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
20Yonke inyakanyaka enamaphiko, ehamba ngazitho ziné, yoba nezothe kuni. 21Zezi zodwa enozidla kwinyakanyaka yonke enamaphiko, ehamba ngazitho ziné, enemilenze yomibini entla kweenyawo zayo, yokuba itshakace ngayo emhlabeni; 22zezi ke kuzo enozidla: inkumbi ngohlobo lwayo, nesibotho ngohlobo lwaso, nomqhathu ngohlobo lwawo, nomcikwane ngohlobo lwawo. 23Ke yonke inyakanyaka enamaphiko, enazitho ziné, yoba nezothe kuni.
24Ngenxa yayo noba ziinqambi; abachukumisa isidumbu sayo boba ziinqambi, bahlwise; 25bonke abasusa nto yesidumbu sayo, bohlamba iingubo zabo, babe ziinqambi, bahlwise. 26Yonke into ezitho ziné eluthe gqiphu uphuphu, ukulucanda ingalucandi kubini, ingatyisi mtyiso, iyinqambi kuni; bonke abayichukumisayo boba ziinqambi. 27Neento zonke ezihamba ngamathupha azo, ezintweni zonke eziphilileyo ezihamba ngazitho ziné, ziziinqambi kuni; bonke abasichukumisayo isidumbu sazo, boba ziinqambi bahlwise. 28Lowo ususa isidumbu sazo, wohlamba iingubo zakhe, abe yinqambi ahlwise; ziinqambi zona kuni.
29Zezi ezoba ziinqambi kuni enyakanyakeni enyakazela emhlabeni: igala, nempuku, noxam ngohlobo lwakhe; 30nentulo, necilishe, norhoqotyeni, noqebeyi, nolovane. 31Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.
32Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifîle, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziingxowa, zonke iimpahla ekusetyenzwa ngazo, zonyiwa emanzini, zibe ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke. 33Iimpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke. 34Konke ukudla okudliwayo, okufikiweyo ngamanzi akwezo mpahla, koba yinqambi; nento yonke eselwayo ngezo mpahla zonke, yoba yinqambi. 35Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni. 36Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi. 37Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona. 38Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.
39Xa kuthe kwafa nto izitho ziné idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise. 40Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
41Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa. 42Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-né, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe. 43Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo. 44Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni. 45Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.
46Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho ziné, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni; 47woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engàdliwayo.
Currently Selected:
ILEVITIKUS 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.