IZILILO 3
3
IZiyon inethemba lenceba kaThixo
1Ndim indoda eboné iintsizi,
ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.
2Úndikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.
3Úbuyé wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.
4Úyonakalisile inyama yam nolùsu lwam; uwaphule amathambo am.
5Úndakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.
6Úndibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.
7Úndibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.
8Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.
9Úzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenzé goso iingqushu zam.
10Kum úyibhere• elalelayo, úyingonyama esezintsithelweni.
11Úzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenzé inxuwa.
12Úsigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni• yotolo lwakhe.
13Úzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.
14Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.
15Úndihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.
16Úwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.
17Ùwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.
18Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.
19Zíkhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.
20Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.
21Oko ndikunyamekèle ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.
22Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.
23Zintsha imisó ngemisó; kukhulu ukuthembeka kwakhe.
24Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.
25UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
26Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
27Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
28Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
29Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungábakho ithemba mhlawumbi.
30Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihlùthe yingcikivo.
31Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
32Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
33Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibènze babe nosizi oonyana babantu.
34Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
35Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
36Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
37Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
38Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
39Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile?
Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
40Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
41Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizisé kuThixo emazulwini.
42Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.
43Ùzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubuléle akwaconga.
44Ùzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.
45Ùsenzé inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.
46Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.
47Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.
48Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.
49Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,
50Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.
51Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.
52Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelizé.
53Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
54Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.
55Ndinqulé igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.
56Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.
57Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.
58Ùwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.
59Ùkubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; lígwebe ityala lam.
60Ùyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.
61Ùkuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,
62Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.
63Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kúbheke; ndiyingoma yabo.
64Bábuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.
65Bánike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.
66Básukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.
Currently Selected:
IZILILO 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.