UYOSHUWA 18

18
Ukwabiwa kwentsalela yomhlaba
1Labizelwa ndawonye lonke ibandla lakwaSirayeli eShilo; bayimisa khona intente yokuhlangana. Leyiseka ilizwe phambi kwabo. 2Kwasala phakathi koonyana bakaSirayeli izizwe ezisixhenxe, ezingabelwanga lifa lazo.
3Wathi uYoshuwa koonyana bakaSirayeli, Koda kube nini na nikunqena ukuya kulihlutha elo zwe aninike lona uYehova uThixo wooyihlo? 4Khuphani amadoda abe mathathu esizweni ngesizwe, ndiwathume, asuke acande ezweni, alibhale ngokwamafa azo, aze abuyele kum, 5alabe libe zizabelo ezisixhenxe; uYuda eme emdeni wakhe ngasezantsi, indlu kaYosefu ime emdeni wayo ngasentla. 6Nina ke nilibhale ilizwe lezabelo ezo zisixhenxe, niyizise ingxelo kum apha, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova uThixo wethu apha. 7Kuba abaLevi àbanasabelo phakathi kwenu, kuba ilifa labo bububingeleli bukaYehova; ke uGadi noRubhen nesiqingatha sesizwe sikaManase basebelithabathile ilifa labo awabanika lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
8Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambáyo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha. 9Aya ke amadoda lawo, acanda ezweni apho, alibhala ngokwemizi, ngokwezabelo ezisixhenxe encwadini; eza ke kuYoshuwa eminqubeni eShilo. 10Waza uYoshuwa wawawisela amaqashiso eShilo phambi koYehova; uYoshuwa wababela ilizwe oonyana bakaSirayeli khona ngokweentlantlu zabo.
Iqashiso lakwaBhenjamin
11Kwavela iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda weqashiso labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu. 12Umda wabo ngasecaleni lasentla wathabathela eYordan, wenyuka waya egxalabeni laseYeriko ngasentla, wenyuka waya ezintabeni ngasentshonalanga; ukuma kwawo, waya wema ngentlango yaseBhetaven; 13wegqitha umda khona, waya eLuzi, egxalabeni leLuzi ngasezantsi (yiBheteli ke leyo); wehla umda waya eAtaroti-adare, ngasezintabeni ezingasezantsi kweBhete-horon yasezantsi. 14Wahlaba umda, wajika waya ecaleni lasentshonalanga ngasezantsi, usuka entabeni ephambi kweBhete-horon ngasezantsi; ukuma kwawo, waya wema ngeKiriyati-bhahali (yiKiriyatiyeharim ke leyo), umzi woonyana bakaYuda. Lilo elo icala lasentshonalanga. 15Icala lasezantsi lathabathela ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waphuma umda entshonalanga, waphuma waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa. 16Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele; 17wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen; 18wegqitha waya egxalabeni elimalunga neArabha entla, wehla waya eArabha; 19wegqitha umda waya egxalabeni laseBhete-hogela entla; ukuma komda, waya wema ngechweba loLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi; nguwo lowo umda wasezantsi. 20IYordan ibe ingumda walo ngecala lasempumalanga. Lilo elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemida yalo ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.
21Ke imizi yesizwe soonyana bakaBhenjamin, ngokwemizalwane yabo, ibe iyiYeriko, neBhete-hogela, nentili yaseKetsitse, 22neBhete-arabha, neTsemarayim, 23neBheteli, neAvim, nePara, neOfra, 24neKefar-amoni, neOfeni, neGabha: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo; 25iGibheyon, neRama, neBheheroti, 26neMizpa, neKefira, neMotsa, 27neRekem, neIrpeli, neTarala, 28neTsela, ne-Elefe, nowamaYebhusi (yiYerusalem ke leyo); neGibheha, neKiriyati: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. Lilo ke elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo.

Currently Selected:

UYOSHUWA 18: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena