UYOWELI 2
2
Ukubaliswa kwesibetho seenkumbi
1Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele: 2imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, ábanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana. 3Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo. 4Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka. 5Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhé uluhlu.
6Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu. 7Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, àbaphambaphambi emendweni wabo. 8Àbagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali. 9Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela. 10Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo. 11UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?
Ukumemela enguqukweni nakwinzilo
12Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela; 13nikrazúle intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi. 14Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu.
15Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela. 16Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyáyo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe. 17Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda• nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Úphi na uThixo wabo?
UYehova wenza inceba, abuyise indyebo
18Wába nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe. 19Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni. 20Ndiya kumkhwelelisela kùde kuni owasentla, ndimgxothele ezweni elingumqwebedu, enkangala; umphambili wakhe usinge kulwandle lwasempumalanga, umqosheliso wakhe kulwandle lwasentshonalanga, kunyuke ukunuka kwakhe, kunyuke ukubola kwakhe, kuba eziphakamisile ukwenza izinto ezinkulu.
21Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu. 22Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo.
23Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni. 24Zozala izandá yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela. 25Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu. 26Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade; 27názi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangàdani abantu bam naphakade.
Idinga lokuthululwa koMoya kaThixo
28Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono. 29Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla. 30Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. 31Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo. 32Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
Currently Selected:
UYOWELI 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.