UYOBHI 26
26
Intetho yesibhozo kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Ùtheni na wena ukumnceda ongenamandla,
Nokuyisindisa ingalo engenamandla?
3Utheni na ukumcebisa ongenabulumko,
Ukumazisa kunene into eyiyo?
4Uxelele bani na ukuthetha?
Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?
5Abangasekhoyo bayazibhijabhija
Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.
6Lizé elabafileyo phambi kwakhe,
Ayinasigubungelo inzonzobila.
7Úlaneka izulu langasentla enyanyeni,
Axhome ihlabathi phezu kokungeni.
8Ubopha amanzi emafini akhe,
Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.
9Uvingca umphambili wetrone,
Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.
10Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda,
Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.
11Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga,
Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.
12Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle,
Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.
13Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu;
Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.
14Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo;
Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye?
Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingáqondwa ngubani na?
Currently Selected:
UYOBHI 26: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.