UYOBHI 15
15
Intetho yesibini kaElifazi
1Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
2Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na,
Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?
3Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na,
Nangokukhuluma okungasizi lutho na?
4Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo,
Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;
5Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho,
Unyulé ulwimi lwabanobuqhophololo.
6Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim;
Ngumlomo wakho okuphendulayo.
7Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu?
Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?
8Wawukho na egquguleni likaThixo?
Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?
9Wazi ntoni na, esingayaziyo thina?
Uqondé ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?
10Kunje thina siziingwevu namaxhego,
Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.
11Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo,
Nelizwi elithethe kuhle nawe?
12Imka nantoni na intliziyo yakho?
Aphanyazela ntoni na emehlo akho,
13Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho,
Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
14Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe?
Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
15Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo,
Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe.
16Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa;
Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
17Ndokuxelela, ndiphulaphule;
Endikubonileyo ndikubalisele;
18Okwaxelwa zizilumko,
Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
19Lanikwa zona zodwa ilizwe,
Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
20Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija;
Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
21Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe,
Eluxolweni úyamfikela umbhuqi.
22Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni;
Ke yena uqwetyelwe ikrele.
23Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na?
Úyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
24Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko;
Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
25Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe,
Wazenza igorha kuSomandla:
26Wamgila, eyolule intamo,
Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
27Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe,
Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
28Wema imizi engamanxuwa,
Nezindlu ezingezakuhlalwa,
Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
29Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe;
Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
30Akayi kusinda ebumnyameni;
Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye;
Emke ngokufutha komlomo wakhe.
31Okhohliswayo makangathembeli kumampunge;
Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
32Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe,
Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
33Wówisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada;
Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
34Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo,
Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
35Bakhawula ububi, bazale ubutshinga,
Umbilini wabo usebenze inkohliso.
Currently Selected:
UYOBHI 15: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.