UYOHANE 14:16-20

UYOHANE 14:16-20 XHO75

Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni. Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni. Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi. Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.