ABAGWEBI 11
11
Ukoyiswa kwama-Amon nguYifeta, nesifungo sakhe
1Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta. 2UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena. 3Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.
4Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli. 5Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi; 6athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon. 7Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyáyo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile? 8Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, Kukho kaloku le nto sibuyela kuwe, ukuba uhambe nathi, ulwe noonyana baka-Amon, ube yintloko kuthi, kubemi bonke baseGiliyadi. 9Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Ukuba nithe nandibuyisa, ukuze ndilwe noonyana baka-Amon, uYehova wabanikela kum, mna ndoba yintloko kuni na? 10Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, UYehova makabe lingqina phakathi kwethu; inene siya kwenjenjalo ngokwelizwi lakho. 11Wahamba ke uYifeta namadoda amakhulu aseGiliyadi; abantu bammisa phezu kwabo, waba yintloko nomphathi. Wawathetha uYifeta onke amazwi akhe phambi koYehova eMizpa.
12UYifeta wasusa abathunywa, baya kukumkani woonyana baka-Amon, wathi, Yintoni na enam nawe, uzé kum nje ukuba ulwe nelizwe lam? 13Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabatháyo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan; libuyise ngoxolo kalokunje.
14UYifeta waphinda wathuma abathunywa kukumkani woonyaka baka-Amon, 15wathi kuye, Utsho uYifeta ukuthi, AmaSirayeli akalithabathanga ilizwe lakwaMowabhi, nelizwe loonyana baka-Amon; 16ngokuba ekunyukeni kwawo eYiputa amaSirayeli ahamba ngentlango, eza eLwandle oluBomvu,• eza eKadeshe; 17amaSirayeli athuma abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Makhe ndicande ezweni lakho. Ke ukumkani wakwaEdom akaphulaphulanga. Athuma nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavumanga. Ahlala amaSirayeli eKadeshe. 18Ahamba entlango, alijikela ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, evela ekuphumeni kwelanga; aya ezweni lakwaMowabhi, amisa ngaphesheya kweArnon, àkangena emdeni wakwaMowabhi, ngokuba iArnon ngumda wakwaMowabhi. 19AmaSirayeli athuma abathunywa kuSihon, ukumkani wama-Amori, ukumkani waseHeshbhon; athi amaSirayeli kuye, Makhe ndicande ezweni lakho, ndiye endaweni yam. 20Ke uSihon akakholwa ngamaSirayeli, ukuba acande emdeni wakhe. Wabahlanganisa uSihon bonke abantu bakhe, bamisa eYatsa, walwa namaSirayeli. 21UYehova, uThixo kaSirayeli, wamnikela uSihon nabantu bakhe bonke, esandleni samaSirayeli. Ababulala, alihlutha amaSirayeli lonke ilizwe lama-Amori abehleli kweli lizwe. 22Awuhlutha wonke umda wama-Amori, athabathela eArnon esa eYabhoki, athabathela entlango esa eYordan.
23Kaloku uYehova, uThixo kaSirayeli, uwagqogqile ama-Amori phambi kwabantu bakhe amaSirayeli. Ùya kulihlutha na ke wena? 24Akuhluthi elo na, akuhluthele lona uKemoshe• uthixo wakho? Nathi síhluthe lonke asihluthele lona uYehova uThixo wethu ebusweni bethu?
25Ngoku wena ulunge ngaphezu koBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, yini na? Wákha wabambana nokubambana na yena namaSirayeli, wakha walwa nokulwa na yena nawo? 26Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha? 27Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam. UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.
28Ukumkani woonyana baka-Amon akawaphulaphula amazwi kaYifeta awawathumela kuye.
29UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon. 30UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba ùthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam, wóthi, 31osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.
32Wagqitha ke uYifeta, waya koonyana baka-Amon ukuba alwe nabo. Wabanikela uYehova esandleni sakhe. 33Wababulala kakhulu kunene, kwathabathela eArohere kwada kwaya eMiniti, imizi emashumi mabini, kwesa eAbhelekeramim. Bathotywa oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.
34Wafika uYifeta eMizpa endlwini yakhe; nantso intombi yakhe iphuma iza kumkhawulela, inengqongqo ingqungqa; yaye ikuphéla komntwana wakhe, ngaphandle kwayo wayengenanyana nantombi. 35Kwathi akuyibona, wazikrazulu iingubo zakhe, wathi, Yini na le, ntombi yam! Ùndithobile kakhulu wena ungowabandihlisele intlekele Mna ndiwuvulile umlomo wam kuYehova; andinakubuya umva. 36Yathi kuye, Bawo, ùwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; okunje uYehova akwenzele impindezelo ezintshabeni zakho, oonyana baka-Amon. 37Yathi kuyise, Mandenzelwe le ndawo; ndíyeke iinyanga zibe mbini, ndihambe ndihle ndiye ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalingane bam. 38Wathi, Yiya. Wayindulula, yaya iinyanga ezimbini. Yaya yona nabalingane bayo, yabulilela ubuntombi bayo ezintabeni.
39Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi, imihla kamihla, 40iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla eminé ngomnyaka.
Currently Selected:
ABAGWEBI 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.