EKAYAKOBI 1
1
Icebiso kwimicimbi eyahlukahlukeneyo
1UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa.
2Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, 3nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. 4Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.
5Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa. 6Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka. 7Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi. 8Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.
9Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe; 10osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca. 11Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; síya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
12Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. 13Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. 14Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. 15Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.
16Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintánda. 17Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; síhla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika. 18Úthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe.
Unqulo oluyinyaniso
19Ngoko ke, bazalwana bam baziintánda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; 20kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo. 21Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu.
22Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela. 23Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; 24kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. 25Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe.
26Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto. 27Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.
Currently Selected:
EKAYAKOBI 1: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.