UISAYA 37

37
1Kwathi, akukuva oku ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova. 2Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi. 3Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana bazé kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala. 4Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakámise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo.
5Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya. 6Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya. 7Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.
8Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe. 9Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi, 10Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya. 11Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; ùya kuhlangulwa na ke wena? 12Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisáyo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare? 13Úphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
14Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova. 15Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi, 16Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi,• unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi. 17Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo. 18Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo; 19babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengèthixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke. 20Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sísindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.
21Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Útsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.
22Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho. 23Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo ùmphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.
24Ùyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawúle imisedare• yayo emide kakhulu nemisipres• yayo enyuliweyo; ndifiké kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo. 25Ndimbé, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.
26Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe. 27Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila. 28Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam. 29Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
30Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo. 31Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu. 32Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
33Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi, akayi kutola notolo kuwo, akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lakungqinga. 34Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kuló mzi; utsho uYehova. 35Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide, umkhonzi wam.
36Kwaphuma ke isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu amawaka. Bavuka kusasa, nango ezizidumbu ezifileyo onke. 37Wanduluka, wahamba; wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve. 38Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

UISAYA 37: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena