UHOSEYA 8
8
Unqulo-zithixo lukaSirayeli nesohlwayo salo
1Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam. 2Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli. 3Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele.
4Bamisé ookumkani, bengaveli kum; benzé abathetheli, ndingàzi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenzé izithixo, ukuze inqanyulwe. 5Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa? 6Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, àliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari. 7Ngokuba behlwayelé umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.
8Úginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo. 9Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izithandane. 10Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli. 11Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona. 12Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento. 13Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke àyakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa. 14Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wákha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.
Currently Selected:
UHOSEYA 8: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.