UHOSEYA 10

10
Okuya kuhlela uSirayeli
1USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye. 2Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Úya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye. 3Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?
4Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi. 5Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo. 6Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi;• uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe. 7Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi. 8Izigánga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.
USirayeli umelwe kukubhujiswa ngenxa yesono sakhe
9Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wóna; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha. 10Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.
11UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela. 12Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa. 13Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho. 14Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana. 15Iya kwenjenjalo kuni iBheteli, ngenxa yobubi bezinto zenu ezimbi; kwangesifingo úya kusingelwa phantsi aphele ukumkani wakwaSirayeli.

Currently Selected:

UHOSEYA 10: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena