IGENESIS 46

46
UYakobi ufudukela eYiputa nosapho lwakhe
1Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBhershebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake. 2Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha. 3Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona. 4Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.
5Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale. 6Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye; 7oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.
8Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikáyo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen. 9Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi. 10Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi. 11Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari. 12Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli. 13Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron. 14Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli. 15Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.
16Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli. 17Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli. 18Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
19Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin. 20Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn. 21Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi. 22Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinaminé.
23Oonyana bakaDan nguHushim. 24Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem. 25Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.
26Iyoke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu. 27Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.
28Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.
29UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe. 30Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba ùsahleli, mandife ngoku.
31Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile; 32kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, azé nazo. 33Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? 34nòthi, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.

Currently Selected:

IGENESIS 46: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena