IGENESIS 22

22
Ukulingwa kokholo luka-Abraham ngokumenza idini uIsake
1Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha. 2Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo, phezu kwentaba endokuxelela yona.
3Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo. 4Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude. 5Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni. 6Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye. 7Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo? 8Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.
9Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wákha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni. 10Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe. 11Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham. 12Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba ùyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana wakho kum, emnye kuwe.
13UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe. 14UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova-ozibonelayo, ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.
15Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini, sathi, 16Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe: 17ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; 18zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.
19Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBhershebha, wahlala uAbraham eBhershebha.
20Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana: 21u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram, 22noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu, 23noBhetuweli (uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham. 24Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.

Currently Selected:

IGENESIS 22: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena