Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IGENESIS 2:4-17

IGENESIS 2:4-17 XHO75

Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu, onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba. Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba. UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo. UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile. UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi. Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa eziné. Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide. Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki• nelitye lebherilo.• Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi. Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesiné umlambo ngumEfrati. UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.