IGENESIS 15
15
UThixo uthembisa uAbram ngendlamafa nangelizwe lakwaKanan
1Emveni kwezo zinto, lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene. 2Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko. 3Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.
4Nâlo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho. 5Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho. 6Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
Idinga lizinyaswa ngomnqophiso
7Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.
8Wathi yena, Nkosi, Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa? 9Wathi kuye, Ndíthabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu. 10Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda. 11Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.
12Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabona efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu. 13Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mané. 14Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi. 15Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu. 16Kwesesiné isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.
17Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.
18Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyiniké eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati: 19amaKeni, namaKinazi, namaKadimon, 20namaHeti, namaPerizi, namaRafa, 21nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.
Currently Selected:
IGENESIS 15: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.