UEZRA 3
3
Itempile isekwa ngokutsha
1Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, oonyana bakaSirayeli besemizini yabo, bahlangana abantu njengamntu mnye, beza eYerusalem. 2Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo. 3Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.
4Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo. 5Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
6Baqala ngowokuqala umhla wenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa. 7Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare• eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.
8Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova. 9Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
10Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli. 11Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Úlungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova. 12Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi. 13Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.
Currently Selected:
UEZRA 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.