UHEZEKILE 32

32
Ukulilelwa kukaFaro
1Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Wafanekiswa nengonyama entsha yeentlanga, nakuba ùbe unjengengwenya elwandle; waxhuma emilanjeni yakho, wawagxobha amanzi ngamathupha akho, wayinyathela imilambo yawo.
3Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwutwabulula phezu kwakho umnatha wam, kunye nesikhungu sezizwe ezininzi, zikunyuse ngomnatha wam. 4Ndiya kukulahlela emhlabeni, ndikujulele ebusweni belizwe, ndizihlalise phezu kwakho zonke iintaka zezulu, ndizihluthise ngawe izinto eziphilileyo zehlabathi lonke. 5Ndoyibeka phezu kweentaba inyama yakho, ndiyizalise imifula ngezidumbu zakho; 6ndilisèze ihlabathi ngokuphalala kwegazi lakho, lise ezintabeni; zizale izihlambo nguwe.
7Ndiya kulisibekelisa izulu ekukucimeni kwam, ndizambathise iinkwenkwezi zalo ngezimnyama zokuzila. Ndiya kulisibekela ilanga ngamafu, nenyanga ingakhanyisi ngokukhanya kwayo. 8Zonke izikhanyiso ezikhanyisayo ezulwini ndiya kuzambathisa ngezimnyama zokuzila ngenxa yakho, ndenzè ubumnyama phezu kwelizwe lakho; itsho iNkosi uYehova. 9Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga. 10Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.
11Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela. 12Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhùqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo. 13Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi. 14Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova. 15Ndakùlenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova. 16Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.
IYiputa nezinye iintlanga kwelabafileyo
17Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 18Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahlé baya emhadini. 19Ùdlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo. 20Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikélwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke. 21Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.
22Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi, 23ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.
24Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehlé baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehlé baya emhadini. 25Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bóthusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehlé baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.
26Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo. 27Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehláyo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo. 28Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.
29Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehlé baya emhadini.
30Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangàlukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehlé baya emhadini.
31UFaro uya kubabona, athuthuzeleke ngenxa yengxokolo yakhe yonke; uFaro ubulewe ngekrele nempi yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova. 32Ngokuba ndamnika ukuba othuse ilizwe labahleliyo; ulalisiwe ke phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele, uFaro nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

Currently Selected:

UHEZEKILE 32: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena