UHEZEKILE 30
30
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bhombolozani, nithi, Hayi ke, le mini! 3Ngokuba ikufuphi le mini, ikufuphi imini kaYehova, imini yamafu; iya kuba lixesha leentlanga. 4Ikrele liya kuyifikela iYiputa; kuya kubakho ukuzibhijabhija kwaKushi, ekuweni kwababuleweyo eYiputa, ithatyathwe intabalala yayo, zichithwe iziseko zayo. 5AmaKushi, namaPuti, namaLudi, nomxukuxela wonke, namaKubhi, noonyana belizwe lomnqophiso, baya kuwa likrele ndawonye nayo.
6Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova. 7KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa; 8bàzi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo. 9Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.
10Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuyiphelisa ingxokolo yeYiputa ngesandla sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli. 11Yena enabantu bakhe, abangcangcazelisi basezintlangeni, baya kuziswa ukuba balitshabalalise ilizwe, bayirholele amakrele abo iYiputa, balizalise ilizwe ngababuleweyo. 12Ndoyomisa imijelo yoMnayile, ndithengise ngelizwe ezandleni zabanobubi, ndilenze kube senkangala ilizwe nenzaliseko yalo, ngezandla zabasemzini; mna Yehova ndithethile.
13Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuzidakisa izigodo, ndiziphelise izithixo ezingento eNofu, kungabi sabakho sikhulu sasezweni laseYiputa, ndingenise ukoyika ezweni laseYiputa. 14Ndiya kuyenza kube senkangala iPatrosi, ndifake umlilo eTsohan, ndenze izigwebo kwiNo; 15ndobuthulula ubushushu bam phezu kweSin, inqaba yaseYiputa; ndiyinqumle ingxokolo yaseNo; 16ndifake umlilo eYiputa. ISin iya kuzibhijabhija izibhijabhije, neNo inqikwe, neNofu ibe nababandezeli emini. 17Amadodana aseAven nasePibhesete aya kuwa likrele, yona ke loo mizi ithinjwe. 18ETapanesi iya kuba mnyama imini, ekuzaphuleni kwam khona iidyokhwe zaseYiputa, liphele kuyo iqhayiya lamandla ayo. Amafu aya kuyisibekela, namagxamesi ayo athinjwe; 19ndenzè izigwebo eYiputa; bazi ukuba ndinguYehova.
20Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yokuqala, ngolwesixhenxe enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 21Nyana womntu, ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa ndiyaphúle; uyabona, ayiyi kubotshwa ukuba ifakwe umhlabelo, ukuba ibotshwe ngezithandelo, ukuba yomelele, ukuba iphathe ikrele. 22Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndimchasile uFaro ukumkani waseYiputa. Ndiya kuzaphula iingalo zakhe, eyomeleleyo kwaneyaphukileyo, ndilivuthulule ikrele esandleni sakhe. 23Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni; 24ndiya kuzomeleza ke iingalo zokumkani waseBhabheli, ndibeke ikrele lam esandleni sakhe, ndizaphule iingalo zikaFaro, ancwine phambi kwakhe ngoncwino longxwelerhiweyo. 25Ndiya kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ziwe iingalo zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova, ekulibekeni kwam ikrele esandleni sokumkani waseBhabheli, alolulele phezu kwelizwe laseYiputa. 26Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni; bazi ukuba ndinguYehova.
Currently Selected:
UHEZEKILE 30: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.