UHEZEKILE 23
23
Ukuchaswa kokunqophisana nabasemzini kuzekeliswa ngokuhenyuza kooNtenteyakhe noNtente-yam-kuye nesohlwayo sabo
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye. 3Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo. 4Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.
5UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe: 6abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni. 7Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo. 8Àkakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe. 9Ngako oko ndamnikela esandleni sezithandane zakhe, esandleni soonyana baseAsiriya, abo abetshiseka kukubakhanuka. 10Bona babutyhila ubuzé bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba.
11Wakúbona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye, waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo. 12Watshiseka kukubakhanuka oonyana baseAsiriya, amabamba, neerhuluneli, umelwane lwakhe, abavethe ezimbejembeje; abamahashe bekhwele emahasheni, amadodana aluluhle onke ephela. 13Ndabona ukuba uzenzé inqambi, bandlela-nye bobabini.
14Wóngeza ekuhenyuzeni kwakhe; wabona amadoda ezotywe eludongeni, imifanekiso yamaKaledi ezotywe ngeqabo elibomvu, 15enxibe iinqwemesha ezinqeni, eneenkontsho ezimfakamfele ezintloko, ebonakala engabaphathi-mikhosi onke ephela, efana noonyana baseBhabheli, belamaKaledi, izwe lokuzalwa kwabo. 16Watshiseka kukuwakhanuka, amehlo akhe akuwabona; wathuma abathunywa kwelamaKaledi. 17Beza ke kuye oonyana baseBhabheli esililini sokuncokolisa, bamenza inqambi ngobufebe babo; wazenza inqambi ngabo; wancothuka kubo umphefumlo wakhe.
18Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuzé bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo. 19Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa. 20Wátshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe. 21Wàmana ùkhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.
22Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke: 23oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.
24Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo, ndikunìkele ebukhweleni bam, 25bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo; 26bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba. 27Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.
28Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho. 29Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uzé kanye, butyhileke ubuzé bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho. 30Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenzé inqambi ngezigodo zazo.
31Ùhambé ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho. 32Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ùya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu. 33Ùya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari. 34Ùya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova. 35Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ùndilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, ùya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.
36Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Báxelele ke amasikizi abo. 37Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo. 38Babuyé benza noku kum: bayenzé inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam; 39bakùzisikela izigodo zabo oonyana babo, bángena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.
40Phezu koko bathuméle kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wàzihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho; 41wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam. 42Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo. 43Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo. 44Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala.
45Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengábakrexezikazi, zinegazi izandla zabo. 46Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kubanyusela ibandla, ndibanikele ekunqakulweni nasekuphangweni; 47ibandla libaxulube ngamatye, libasike ngamakrele alo. Liya kubabulala oonyana babo neentombi zabo, lizitshise izindlu zabo; 48ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu. 49Baya kuwabeka ke amanyala enu phezu kwenu, nizithwale izono zezigodo zenu; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Currently Selected:
UHEZEKILE 23: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.